IMamelodi Sundowns iza kudlala neChippa United kumdlalo weBetway Premiership ngePasika.
Image: BACKPAGEPIX
Umdlali weMamelodi Sundowns uIqraam Rayners uthi amaBrazilians ayazi kakuhle ingozi abaza kudibana nayo xa bedibana neChippa United kumdlalo wabo weBetway Premiership ngoLwesihlanu usuku lwePasika, yiyo loo nto kufuneka benze konke okusemandleni abo ukuphumelela.
ISundowns iza kujongana neChippa kumdlalo eLoftus Versfeld. Ukuphumelela kuloo mdlalo kuya kubenza babuyele phezulu kwilog, bakhokele ngamanqaku amabini bodlule iOrlando Pirates ekwindawo yesibini emva kwemidlalo engamashumi amabini anesibini (22).
Kulindeleke ukuba iSundowns iphumelele – nto leyo ethetha ukuba bazokuba bephumelela okwesithoba ngokulandelelana kwiligi – njengoko ifikelele kwinqanaba apho bazolileyo kolu gqatso lwendebe, oku kubonisa amava abo emva kokuphumelela iindebe ezisithoba zeligi ngokulandelelana.
Nangona bedume kwibhola ekhatywayo njengeqela elisemgangathweni ophezulu, uRayners uyazi ukuba iChippa ayizukuba liqela elilula ukudlala nalo. Ibikhe yadikidiki iChippa kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo, nto leyo ebangele ukuba balwele ukuphepha izembe njengoko beshiya iOrbit College ekwindawo yeshumi elinesihlanu (15) ngamanqaku amabini kuphela.
“Kusoloko kunzima kuba iqela elisezantsi lilwela ukusinda,” utshilo uRayners ngaphambi komdlalo. “Balwela imisebenzi yabo, ubomi babo neentsapho zabo. Ngoko ke, akuyi kuba ngumdlalo olula. Kufuneka siqhubeke nomsebenzi omhle.
“Kufuneka siqhubeke siphumelela imidlalo. Kodwa kufuneka siwuthathe umdlalo omnye ngexesha – yeyona nto ibalulekileyo leyo.”
ISundowns isenokuba ingabinabadlali bayo ababalulekileyo njengoko abadlali bayo abasixhenxe abaqhele ukudlala, kuquka uRonwen Williams, Aubrey Modiba, Themba Zwane, Teboho Mokoena, Khuliso Mudau, noJayden Adams bebekwinkampu yaBafana Bafana ngexesha yekhefu leFifa elivaliweyo ngoku, belungiselela iNdebe yeHlabathi.
“Ndicinga ukuba amalungiselelo ebehamba kakuhle, ingakumbi xa umntu enikwe iintsuku ezine ukuba athathe umoya,” utshilo uRayners. “Ngethuba sibuya ngosuku lokuqala, umqeqeshi wayesele esazi ukuba kuza kwenzeka ntoni ngosuku lwakhe.
“Usixelele ngomdlalo ozayo. Ngoko ke, abafana bayazi ukuba kulindeleke ntoni kubo. Kumalunga nokugxila kumdlalo olandelayo nokwenza konke okusemandleni abo.”