UBrayan Leon weMamelodi Sundowns akakwazanga ukuqhekeza udonga lwasemva lweDurban City obeluqiniswe nguSiphamandla Ncanana noFezile Gcaba xa la maqela mabini ebedibana eChatsworth Stadium ngoLwesibini ebusuku.
Image: BackpagePix
Umqeqeshi weMamelodi Sundowns uMiguel Cardoso uphinde waphepha ukufaka uxinzelelo kubadlali bakhe ukuba bacinge ngokuphumelela ngamagowuli amaninzi emdlalweni, emva kokuphumelela kwabo ngo'1-0 kumdlalo neDurban City weBetway Premiership eChatsworth Stadium ngoLwesibini ebusuku.
Ngelixa iOrlando Pirates iqhubekile nokunyusa ubushushu, isoyisa iLamontville Golden Arrows ngo'5-0 eOrlando ngoLwesibini ebusuku, iSundowns ekwindawo ephezulu yenze ngokwaneleyo ukuhlala phezulu, ifumana amanqaku amathathu ekhaya ngenxa yegowuli elifakwe nguKatlego Ntsabeleng ngomzuzu weshumi kwisigaba sokuqala.
“Ukuba ujonga amanani, senze iipasi ezingama770, sakhaba ibhola epalini sizama ukufaka amagowuli kalishumi elinesihlanu (15), uRonwen Williams akazange abe phantsi koxinzelelo ukuba abambe ibhola futhi siyigcinile ibhola kuthi safumana u77% ekugcineni ibhola.
“Siphumelele ngongciphu, kodwa nangona kunjalo siphumelele; ngamanqaku amathathu la. Akukho lula ebaleni, ngoko ke ndibothulela umngqwazi abafana ngokufumana amanqaku amathathu,” utshilo uCardoso.
IMamelodi Sundowns ibiphumelela okweshumi ngokulandelelana kulo nyaka njengoko iqhubeka nokuba phambili ngamanqaku amabini phezu kwePirates ekwindawo yesibini kwilog, ngelixa iDurban City yoyiswe okokuqala ekhaya kulo nyaka ka2026. Umqeqeshi weCity, uPitso Dladla, uthe icebo labo lisebenze ngandlela ithile ngoLwesibini ebusuku.
“Besifuna ukugcina umdlalo usithi 0-0 kude kube lixesha lokuphumla kwisigaba sokuqala kwaye yiyo loo nto siqale ngendlela esenze ngayo. Ndiyazi ukuba abanye abantu baza kuthi mhlawumbi bekufanele ukuba siqale ngendlela efanayo naleyo sigqibe ngayo, kodwa besingasoze sibe nemilenze yokusonga umdlalo ngendlela esenze ngayo,” utshilo uDladla.