Ichaze ingxelo yayo indoda elunywe zizinja eziyingozi ezintathu.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Indoda, esinde emva kokuhlaselwa ngokumasikizi zizinja zohlobo lwepit bull eWestville, iwakhabile amabango enziwe kumnikazi wezinja.
USizwe Doncabe wonzakele kakhulu emva kokuba ehlaselwe zezi zinja zintathu, uhlobo lwezi zilwanyana zaziwa ngokuba bukhali nokuba yingozi.
Nangona kukho amabango okuba uhlasele umnikazi wezi zinja, uDoncabe uthi akazange angene kule yadi, kwaye ezi zinja uzithi tshe ngaphaya kwesango kuphela.
Ethetha esebhedini yakhe esibhedlele, uDoncabe — oziphilisa ngokuqokelela izinto ezinokuphinda zisetyenziswe — uthe akazange angene kule yadi futhi oko wazibona zingaphakathi eyadini ezi zinja, zange wazibona zingaphandla.
UDoncabe uthe ngaphambili wadibana nonogada kule ngingqi, owamxelela ukuba angaqhubeka nomsebenzi wakhe (wokuqokelela izinto) kuba akukho zikhalazo ngaye.
“Ndikhumbula ndijika ndingena kule ndlela, xa ndibuya ndinyuka, ndadibana nonogada owandixelela ukuba njengoko kungekho zikhalazo, ndingaqhubeka nomsebenzi wam,” uDocabe uxelele iHighway Mail.
Wathi eseza kuwela indlela, waqaphela isango livuleka kwaphuma izinja. “Bendisendleleni, ndilungiselela ukuwela, ngethuba ndibona isango livuleka. Emva koko izinja zaphuma. Ndandingaqali ukuzibona, kodwa zazisoloko zivalelwe,” utshilo.
Ingxelo yakhe iyaphikisana neyomnikazi wezinja, othe uDoncabe wangena kwiyadi yakhe emva kokuba ebeke iiplastiki zenkunkuma ngaphandle.
Lo wasetyhini ubange ngelithi wamlumkisa ukuba ayeke ukumlandela, waza wamxelela ukuba ukhulelwe kwaye kukho izinja eyadini yakhe.
Amapolisa aseWestville aqinisekisile ukuba kuvulwe ityala elimalunga nokulawula isilwanyanga ngokungakhathali nekukhokelele ekwenzakaleni komntu, kwaye uphando luyaqhubeka.
Kusenjalo, iphulo lokuqokelela imali eliqaliswe ukunceda uDoncabe ngeendleko zakhe zonyango nokuchacha lifikelele kwimali engaphezulu kweR70 000 kwiintsuku ezimbini kuphela.
Eli phulo leBackaBuddy, eliqaliswe nguKyle van Reenen, belijolise kwiR10 000 kodwa sele kukho abantu abangaphezulu kwamashumi alithoba abolule isandla.
Related Topics: